Professional Documents
Culture Documents
Unathi September1
3. eCabangeni
Hee-Bholthi vula
Hee-Bholthi vula
2
Hayi ifuthe lelogwijo ke mlesi, kwakungathi ooxholovane
bafakwamafutha. Bawunyathela umcephe, betyhoboza besiya ngakhona
oku kweenkabi zeenkomo entsimini. Lo Bholthi kuculwa ngaye mfundi
yayingumdlali obalaseleyo wasecabangeni lasekhohlo, uBongani Bholthi
Gobidolo. Ngelingeni ibhola yafika ecabangeni lasekhohlo. Unkabi
wayibamba itshisa, yapholela ezandleni, walanyaza oku kombane umgama
ongamashumi amathathu eemitha, qakatha qakatha walalemgceni!
Yimpunduuuuuuulu!!!
4
komdlalo singayi nokuba kukwaSpur? Umcokovise ngemibuzo
ethontelelanayo njalo uZintle, ezama ukubonisa uBholti lo ubungozi
bokuzonwabisa kwindawo yentselo emncinci, ingakumbi emva komdlalo
wombhoxo. Bavakale bendumzela abahlobo bakaBholthi ngasetafileni
ezele ziintlobo ntlobo zeebhotile zamanzi kaMaqoma Yhini le? Lo mntana
uthi sizakunxila ngabani xa esisa uBholthi ngaapha ezimbhanjeni zehagu?
Thina sifunukonwaba, nokuba silambile, wandumzela ngelitshoyo
uBhesengile. Kaloku njengoko sesivile ngaphambili, ukuvuselwa
kukaBholthi kwakutyisa nje abahlobo bakhe kuba yena engabuphathi.
Kwabonakala ke loomini ukuba umfo omdala akanaye uhayi xa kufikwa
apha kubahlobo bakhe kuba watsho phantsi uZintle.
7
kwizivumelwano zengqesho zabadlali bombhoxo. Igosa leqela layindulula
intlanganiso ngokubulela ubukho babazali. Kowu sibonga ngokuzixhamla
bazali ngalentseni, njengoko nisazi sihleli negolide apha phakathi kwethu,
uBongani unekamva eliqaqambhileyo kwaye amathuba afana nala
anqabile, ingakumbi kubadlali abaneziduko, lahambisa latsho igosa.
Kwelethu icala sele siwuqukumbele umcimbi wamaphepha,
okulindelekileyo kukutyikitywa njee kwesisivumelwano ngabazali njengoko
umfana lo engaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo. Bambha ke
MamTshawe... Igosa lanikezela esosivumelwano kumama kaBongani kuba
engutitshalakazi, ngethemba lokuba uyakubanalo ufifi. Wasiphendla
isivumelwano uMamTshawe ezama ukufunda konke okulindelekileyo
kuBongani ukuba uthe watyikitya esosivumelwano. Hee MamTshawe,
yintoni le ingaka uyifundayo kulomqulu? Akuvanga ukuba unyana kuthiwe
uzakunikwa etshisiweyo yona imali?.. Yhini le! Akuwathembanga
lamagosa?, udanduluke watsho uyise kaBongani, uGobidolo ubuqu
kucaca ukuba akakholwa koku kufunda kuthatha ithuba elide. Yise
kaBongani, ndifuna nje ukuqiniseka ukuba umntwana akazifaki emgibeni
apha. Ndicela siphume sithethele bucala malunga neminye imigomo
endingayiqondiyo kulomqulu.., watsho ecela uMamTshawe, kodwa
wakha phantsi isitya sigcwele. Bantu bakuthi kanti abafazi banjani ni na?
Masityikitye lamaphepha kuphele uchuku, uBongani uzakuphathwa
kakuhle amkele nangaphezulu kunawe. Kowu, ngokuthobela
nokuhlonipha indoda, wamnika elokugqibela uyise kaBongani
uMamTshawe. Akazange afumane nethuba lokubuza izinto angaziqondiyo
8
kwesisivumelwano. Kulengxoxo mpikiswano uBongani umfo omdala
wayebukele nje, elindele ukuba kuthiwe naye makatyikitye. Eyona nto
yayiphambili kuye yayikukuthabatha umfanekiso xa etykitya njengabadlali
abayindumasi basemazweni. Yaqukunjelwa lo ntlangano onke amaphepha
etyikityiwe.
10
keBholthi mfo ndini, uncede wemka laaZintle, uzakutsho ubonwe ngoku,
kaloku lamntwana wayekuvalela amathuba, yaqhuba njalo incoko
bebuyela kuloomzi wabafundi. Elo qela labafundi langena ngempumelelo,
linyonyoba kuba laliqhweshe kubusuku obungaphambili.
11
kwabanjalo. Zaphuma iziphumo kwiphephandaba iDaily Dispatch
kweyoMqungu kunyaka olandelayo. Ngoncedo lukaZintle, waziphumelela
ezomviwo uBongani, ukanti naye uZintle waphumelela emagqabini, kwaye
wamkelwa kwizifundo zobugqirha kwiYinivesithi yaseKapa (UCT).
13
Ngelingeni yafika ecabangeni lasekhohlo, hayke mfundi, yatsho instwahla
kwelobala abalandeli sele bemmi ngenyawo belindele okuzakwenzeka xa
ibanjwe nguBholthi loobhola. Wayibamba umfo kaGobidolo, qakatha
qakatha umgama ongephi, wahlangana nomdlali ophambili wooKrebe,
wambamba esinqeni wambeka egadeni lomfana, Ufikile apho ububhalele
khona kwedini!, watsho lomfana ebhekisa kuBongani. Lahlokoma icala
labalandeli booKrebe ngesandi esithi Beeeeeeeeeeeeaaast!!!!.
Wamkelwa olohlobo uBholti, kwisigaba sokuqala somdlalo wakhe
wokuqala, engafumani thuba kwaphela lokwenza adume ngazo ngenxa
yalomdlali bambiza uBeeeeeeast! Kwakubonakala futhi ukuba ngoku sele
edlalala ngoloyiko ingakumbi emva kokubekwa egadeni kabuhlungu.
Khawuthathe nalithemba
Sicelamalizo,
o-nalithemba
nalithemba
o-nalithemba
Sicelamalizo
nalithemba
UBholthi ulithemba.
15
Liqhube njalo ke igwijo, waziva esekhaya uBongani, bemamkele
ngokusesikweni abaxhasi. Waphela umdlalo echongwe njemdlali
ophambili wosuku, futhi oku kwamenza abenokuzithemba nangakumbi
uBongani. Latshona elalomini izikhululo zoomabona kude ziphinda-phinda
ezozihlandlo zisibhozo zokulala emngeni kwelityendyana.
17
Kanti utsho kubani? Watsho phantsi umqeqeshi. Angena kweyasekhohlo
aphumela kweyasekunene indlebe loomazwi.
18
kwakho uZintle, ekhumbula esalamhla wokuqala ezintyintya uBongani.
Waphuma kuloondawo yolonwabo uZintle ephoxekile futhi ehlazekile
naphakathi kwabahlobo bakhe. Uyamthanda na lamfana Zintle,
wazikhathaza kangaka ngaye?, sabuza isihlobo sikaZintle kodwa akuzange
kuvele mpendulo. Bashiyeka bejuxuza bona abafana bezivisa kamnandi
ngeendidi ngeendidi zeentlobo zeenyembezi zikaVitoli. Obobusuku
abuzange buphele kamnandi kwaphela kwelityendyana lakwaGobidolo.
Wathi xa kanye ezama ukuziphakamisa emva kwezoobhitile ziliqela,
watyibilika ukusuka kumgangatho wesibini ukuya kongezantsi. Ngelishwa
lakhe uBongani wawa wophuka imbhande yasekunene, wakruneka
nengqoshe yasekunene kananjalo. Wasitsho esofelweyo sona isikhalo,
kucaca ukuba iintlungu zimongamele nangona wayeshushu. Kowu! isikhalo
sendoda! Bizani inqwelo yezigulana, watsho uManegala walondawo
yokozonwabisa. Amaxhalanga eentatheli kwakungathi kudala elilindile
elithuba. Yathi ifika lonqwelo yezigulana zabe iintatheli ziwukhuphe
kumakhasi ezonxibelelwano umfanekiso wokophuka kwalomdlali
uyindumasi epotsoyini. Zanwenwa iindaba zafika nalapho kwaNtonga.
Kowu, uBongani uyasazi ukuba sithini isivumelwano sakhe malunga
nesihelegu esinje? Lonto wayeka nokuthumela imali ekhaya sekusihla
obubutyadidi nje watsho ezibuza loomibizo ingenempendulo
uMamTshawe. Kaloku wayesazi ukuba iindaba ezinje azintlanga kwaphela
kuba zihlaza igama leqela lombhoxo elikhulu, kwaye naye ebeka igama
lakhe nemplilo yakhe ebungciphekweni. UMamTshawe wakhumbula
19
kananjalo ukuba, ngokwesivumelwano, umonzakalo onjengalo uyakutya
kuye epokokhweni uBongani, iqela lakhe lalingasoze lizifake.
21
Zaphuma iingxelo zamaphephandaba angeCawa zipapasha ukuwa
kwelityendyana ngenxa yokuziphatha. Yayingundaba mlonyeni
nakoonomathotho into yokubonwa kwakhe kwizirhoxo zaseKhayelitsha.
Tywala ndini umngumlahlekisi, wavakala esitsho uBraBhara
kwezemidlalo, kunomathotholo. Kanti, akukho kwanto inotywala wena
BraBhara, ngabantu nje noxinzelelo olusuka kubahlobo abangendawo,
zaqhuba njalo iingxoxo mpikiswano zixovula lomba. Kuqhubeka
ezoongxoxo ke, naye unyana kaGobidolo uphulaphule. Wathi akuba
nokuziqonda wakhumbula laaZintle wambhebhethayo. Ngalemini amcinga
ngayo wayesele ezibona ukuba uyaphalala, futhi igenge nooBhesengile
babephele emehlweni. Wathumela umyalezo ngomnxeba othi:
Unathi Septembe
22