You are on page 1of 23

Wagwetywa ndlala

Unathi September1
4. Wagwetywa ndlala: #AbaTata #Abasikeleli

Kuthe kanye xa egqiba ibanga lakhe leshumi uBuyiswa wabe efumana


incwadi esuka eNelson Mandela Metropolitan University (NMMU). Le
ncwadi yayifika neendaba ezimnandi zokuba wamkelwe ukuba
ayokufunda izifundo zeNgqesho (Human Resources). Le ncwadi
yalandelwa sisiqinisekiso senkxaso mali esuka kwiOfisi yeNkulumbuso
yephondo leMpuma Kapa. Le ncwadi yayifundeka ngoluhlobo:

2
Halala!! Halala!! Halaaala!! Bambanumqhagi noNdoda,

umafungwashe uya eNMMMMU. Wathi engekagqibi uMaGaba labe


seleliphumile ibhoso, laphalala igazi. Hayi ke mfundi, singalitshonisa xa
sinokubalisela ngeendaba zamagila namanqina.
--------------------------------------------------------------------------------------

Yaafika iveki yokunduluka kukaBuyiswa, kanye xa iphela inyanga


yoMqungu. Kwathi xa libantu bahle ilanga loLwesihlanu satshintsha
isimo sikaMaGaba, namhlanje wayengenguye laaMaGaba womhla
womqhagi, kwakubonakala ebusweni noko ukuba wayelusizi. Makhulu,
kwehle ni na? Yitsho kaloku MaGaba? wabuza uBuyiswa ngelizwi
elinovalo. Hayi wena ntombam, asikuba ndilusizi. Nto-- nto--
nje... Nto nje yintoni makhulu?. Buyiswa, chopha mntwanam.
Uthe akuba esithabathile isihlalo uBuyiswa wahlabela intonga yakhe
uMaGaba.

Ndikhokele, O Yehova!

Ndingumhambi Nkosi yam;

Unamandla: andinawo;

Unobuthathaka ndim;

O Msindisi, Ohhw Msindisi, nguwe olikhaka lam

3
Wayiqukumbela uMaGaba intsika yakhe encedisa naye uBuyiswa
ngelizwi elimyoli. Namhlanje umthandazo wathanda ukuba mde
kunesiqhelo. Le ngwevukazi yayiyaleza lentwazana kophezulu kuba isiya
kude nekhaya okokuqala ebomini bayo. Waqala ngokuyicelela indlela
entle wagqibela ngokuyicelela impumelelo ezifundweni kude kufike
ixesha lokuthweshwa kwezidanga. Wafika kuAmen uMaGaba sele
wawuqukumbela kudala owakhe umthandazo uBuyiswa. Wathi
akugqiba umthandazo uMaGaba wangena kwiziyalo, zibhekise
kuBuyiswa ngobomi baseBhayi. Wawabulela la mazwi uBuyiswa,
ethembisa ukuba ayakuhlala entliziyweni kude kufikelele loomhla
umkhulu ayakumbona ethweswa isidanga.

----------------------------------------------------------------------------------------------

Pooop!!! Poooop!!! Poooop!!! Poooop!!! Yatsho inqwelo ngaphandle


itshutshumbisa uBuyiswa ukuba aphume nemithwalo yakhe. Ixesha
lixhatshwe yinja Mabuyi, khwela khwela sihambe angakushiyuduladula,
watsho umqhubi. Uwonwabele umphako! Ndlelantle. Lawo
yayingamazwi okugqibela kaMaGaba mhla uBuyiswa waye ngazokubakho
phakathi kwekhaya okokuqala ebomini bakhe. Kaloku uBuyiswa oko
wazalwa idolophu awayeyazi yile yaseQonce, ithuba elide wayelichitha
ekhaya kwaNonkcampa. Kwakusithi naxa iintanga zakhe zisiya eMonti
ngexesha lenyibidyhala abe yena esekhaya. Ingqeqesho yasekhaya
yambumba, eziphethe kakuhle umntwana.

4
Ngenene umqhubi wafika kwangethuba esikhululweni sooduladula
baseQonce. KwakunguMbo noMxesibe ngabantwana besikolo, uninzi
luziswe ngabazali ngenkqu, bambhi besindwa yimithwalo, ukanti abanye
benemigodlwana nje kucaca ukuba abathathi ntweni. Ngenani ngenani
maqabane, kukudengqinibeni, wakhwaza uTshangisa umqhubi omdala
wooduladula bemigama emide. Bangena abafundi bethontelana
kuyimincili. Kunjani sisi, kukhona umntu ohleliyo ecaleni kwakho? Phofu
nokuba ukhona mna andisokuze ndisuke ndizibonele wena. Labuza
liziphendula ityendyhana lomfana elalikhangela indawo yokuhlala. Igama
nguLuthando, usisi yena ngubani?. NguBuyiswa, yaphendula intombi
kaMaGaba ngoloncumo luhle lunezinxonxo. Hayi ke mna ndisingise
eBhayi, kwelaziko lemfundo ephakamileyo yodumo iNMMU. Ndamkelwe
ukufunda ezoMthetho. Uhleli negqwetha langomso ecaleni kwakho.
Wena uyaphi, wabuza uLuthando. Nam ngokunjalo, ndilisingise
eNMMU, mna ndamkelwe ukufunda eZengqesho, iHuman Resesources
ngabula makhumsha, waphendula uBuyiswa. Thyini, sizakuba
ngabahlobo abasenyongweni moss ungatsho nje. Yaqhuba njalo
looncoko, ubuhlobo besisibini bubonakala ngathi kudala babakho. Lafika
ithuba lokunduluka kukaduladula eQonce. UTshangisa wawunyathela
umcephe, bashiyeka nothuli abakhaphi.

Ndlelaaaaaantle!

5
Ngenene yaphendulwa imithandazo kaMaGaba yenjikalanga, uhambo
oluya eBhayi aluzange lubenawo amagingxigingxi, wangena ngengoma
eBhayi uTshangisa. Bonke abaya eMelodi ngapha bethuna, akhwaza
amantombazana equmrhu lolwamkelo lwabafundi abatsha. Hayi ke mlesi,
yabalulonwabo kubo bonke abafundi, abadala kwakunye nabatsha,
kuphathiswana loomigodlo esuka emakhaya. Wangeniswa egumbini lakhe
uBuyiswa, waboniswa bonke ubukhazikhazi ngabula yena awayenabo
ngaphakathi. Wafika kwigumbi elikade linomfundi ngaphakathi. Lo
yayinguLerato, umfundi owayezakwabelana noBuyiswa ngegumbi unyaka
wonke. Intombazana le yayisuka kwidolophu yaseMangaung, apha eBhayi
yatsalwa leliziko lemfundo lisecaleni konxweme. Dumela ausi, u phela
joang? Lebitso la ka keLerato, odula moMangaung, wabulisa ngeSesotho
uLerato. Molo wethu, igama lam mna nguBuyiswa, isiXhosa awusazi?
Ndiyasizama ka-nci-nci sana kalok. watsho ngelizwi elinentandabuzo
uLerato. Hayike mna ndizakukufundisa, kaloku ntombi kuseBhayi apha
akubuwa, kuyathethwa apha, nawe ke uyakundifundisa enidume ngazo
pha eMangaung.

Baqhelana kwalomini ke lamantombaza, athembisana ukuba elowo


uyakufundisa omnye into encinane. Zaaqala iipotsoyi zaloveki
yolwamkelo lwabafikayo. Nkqi ukuya uBuyiswa. Umhlobo
wakhe yena wayethe gqolo mihla le, ebuya ngentseni. Kuthe ngenye
intseni evela kwezopotsoyi wabuza uLerato Ausi, kutheni ungazonwabisi
nje wena sonwabile nje ngaleveki? Wamphendula uBuyiswa kucaca

6
ukuba kudala elindele ukubuzwa Yazi wena Lerato, ngamanye amaxesha
nam ndiye ndinqwenele ukuhamba nawe, ndiyokubona ezindawo zakho,
nto nje andinazo ezilokhwe nezihlangu zexabiso nihamba ngazo. Tyhini,
ixesha eli lonke ubungatsho nje? Singabahlobo ngoku Buyiswa, xa into
ungenayo ubokuyicela. Ndizakuboleka konke okufunayo! Safunga kaloku
sathi sakufundisana, ngoku ndizakufundisa njani esidume ngazo xa
ungaphumi nam ngobusuku? Wamgqagqanisela ngalomazwi kucaca
mhlophe ukuba uLerato wayezimisele ekumfundiseni umhlobo wakhe.

Lwafika usuku lokuqala lweemfundiso zepotsoyi. Eyona nto yayinzima


kuBuyiswa yayikukuhamba ngezihlangu zemboleko ezichophileyo.
Wawusithi umjongile nje umbone uhamba okwe ndlulamthi esafunda
ukuhamba, kodwa umhlobo wakhe emtatamisa embamba ngengalo.
Kaloku kuthiwa kufa ayayo. Kobobusuku bokuqala wayengakholelwa
uBuyiswa bubukhazikhazi beendawo yolonwabo yaseCubana.
Kwakuzizibane ezimenyezelayo, umculo ogqumela phezulu, iindidi
ngeendidi zotywalwa, nabo bonke ubumenye-menye angazange aphuphe
nokuphupha ngabo uBuyiswa. Ladies, singanithengela iziselo ezibandayo,
ngathi noko niyafika, kunoba nifuna ukuthoba unxano, babuza abafana
ababini kuBuyiswa noLerato. Akazange amphe nathuba uBuyiswa umfana,
wamphendula ngelithi hayi bhuti uxolo, asinxanwanga, kwaye uMakhulu
wathi ndingabokwamkela izipho ebantwini endingabaziyo. La mazwi
ammangalisa uLerato ngoba wayesazi isithethe sasepotsoyini. Oku

7
kwakusenziwa nguBuyiswa kwakunxamnye nesosithethe. Hayi bobhuti,
ningakhathazeki, ndisamfundisa indlela esenza ngayo.

Iziselo singazamkela, wajika ngelitshoyo uLerato. Tyhini! Ntombazana


mna andiyingene ke le yokuthengelwa izipho ngamadoda amadala
endingawaziyo. Xa benokusifakela ityhefu? Ndayalwa mna ekhaya,
ngcono ndigoduke, watsho ekhulula ezozihlangu zemboleko emshiya
apho umhlobo wakhe. Eshe, kunokuba yimalini idrama le yenziwa
yilentobazana? washiyeka ematshekile uLerato, ezibuza imibuzo eliwaka.

Ngosuku olulandelayo uLerato wamhlalisa phantsi uBuyiswa ezama


ukumfundisa ngobomi basebusuku kwiindawo zolonwabo. Wamcacisela
ukuba akasoze afakelwe ityhefu ukuba iziselo zivulwe phambi kwakhe.
Wamyala ukuba angaze azamkele iziselo ezifika zivuliwe. Wamxhobisa
ngawo onke amacebo alapho epotsoyini. Wagqibela ngelithi ..Shlobo,
ungaze uphinde uthethe ngomakhulu kalako xa siphumile, uyakusijongisa,
siyavana? Kwagqitywa kwelokuba kuLwesihlanu olandela iveki yolwakelo
iimfundiso zasebusuku ziyakuqhubeka. Iveki yaphela uBuyiswa efunda
ukuhamba ngezozihlangu zemboleko. Ngenene bafika obobusuku
babulindiwe. Namhlanje uBuyiswa akazange asokolise ngamabali
kamakhulu, kwafika nje amatyendyana amathathu aqhuba incoko,
kwathengwa ezibandayo konwatywa kwamnandi kwanjeya.

Lwaqhuba ke ulonwabo lwalapha esikolweni, eqhuba kakuhle


nasezifundweni uBuyiswa. Impelaveki wayeyilangazelela ngoku uBuyiswa

8
esazi ukuba ngoLwesihlanu ziyaduma eCubana. Tyhini! Mhlobam
uyabona ukuba waqhela ngoku apha epotsoyini, sele ukwazi nokuhamba

ngezihlangu ezichophileyo. Ndizakukhumbula yazi ngeeholide zobusika,

watsho eqhula uLerato esenza undlela ntle kumhlobo wakhe kuba


kuvalwa izikolo. Kwagodukwa ke ngamantombazana, uLerato ejongise
ngapha kwelabeSotho, uBuyiswa yena kwaNonkcampa.

Kwakungathi azisapheli ezoholide zobusika. UBuyiswa wayedikwe


yeyokosa. Kaloku apha emakhaya zazingekho iipotsoyi, futhi esazi ukuba
umakhulu akasoze avumele umntwana oyintombazana aphume
ngobusuku. Kanti nento yamantombazana asondela kumarhewu
anemisila yayinyevulelwa.

Zaphuma zona iziphumo zesigaba sokuqala sonyaka. UBuyiswa


waziphumelela zonke izifundo zakhe. Ezindaba zamonwabisa kakhulu
uMaGaba kuba mihla le wayethandaza ukuba uBuyiswa abuye
nempumelelo eBhayi. Ngelishwa umakhulu wayeneendaba ezimbi
phambi kokuba uBuyiswa abuyele eBhayi. Mntwanam, chopha.
Njengokuba ubuyela esikolweni kwesisigaba sesibini, ndifuna uyazi ukuba
imali apha ekhaya ayikho. Ndifile ngamatyala, lemali yesibonelelo iphela
inyanga ingekafi. Laa mali uyifumana ngenyanga izakwehla. Ndiyathemba
ukuba amakhulu eeRandi nonko ayakuthenga nokuba yisephu. Ukuba
likhona ithuba lomsebenzi ongesosigxina ungawukhangela, wongeze
9
kwelikhulu. Ngenye imini kuzakulunga Buyiswa. Khangela indlela
awayeyicukuceza ngayo imali uMaGaba.

10
Ngenene ke yafika imini yokubuyela eBhayi. UBuyiswa wathathisa apho
wayeshiye khona. Tyhini! Kwesisigaba yayinguBuyiswa ngoku okhumbuza
uLerato ngeepotsoyi. Shlobo, kunini ndizikhumbula iintsuku zethu
zolonwabo, masibe pha impela veki yonke, sibuyise ezaantsuku
siziphosileyo ngokuhlala emakhaya, watsho uBuyiswa. Hee ntombi
iiassignments wena awunazo njengokuba thina sisihla sisenyuka
sixelamanzi olwandle? Kaloku tshomi kufuneka sibethe nebalance
wabuza ngenkxalabo uLerato. Hayi wethu, sakuzibona second half
iiassignments azibaleki, waqukumbhela ngelitshoyo uBuyiswa
elungiselela ubusuku bokubuyisa iintsuku zolonwabo ezaphosakalayo.
Alungisa lamantombazana njengesiqhelo, kuyimibhukuzo, imisizi
yamehlo, iziqholo, iinzipho ezimthubi nezigcebhezana. NgaloLwesihlanu
walempela veki yayizele immi ngembhambho iiCubana, iyipotsoyi
ekhethekileyo yokubuya kwabafundi bevela emakhaya. Kudala nisilindile
sesifikile, Kudala nisilindile sesifikile, bangena becula abahlobo kucaca
nokuba badle ukudla kwamandla. UBuyiswa yena wayenazo neendawo
ezivovayo, edanisa esiyaphambili. Bathi buqina ubusuku yabe intombi
kaMaGaba sele idanisa phezu kweetafile, amehlo sele ethe ntsho kuye.
Iyhoo-yhoo-yhooooo. Hay-Hay-Hay-Hay, tyhini madoda, iBhayi
lalingene laphelela kwintombi yakwaNonkcampa, inguye inguye phakathi
kwaloonginginya. Ooxholovane bamaxhalanga amadoda ayelinde
kwezotafile, esazi ukuba lakufika lona ilixa lokunxanwa
kwalamantombazana emva kokudanisa okungaka.

11
Ngenene, kwathi kubetha intsimbi yesibini ngentseni wabe emaphikana
uBuyiswa, kubonakala ukuba angasidinga isiselo esibandayo. Hayboooo
ziright iigirls? Ukudanisa okungaka? Kunoba ufile lunxano, yamkhweba
uBuyiswa indoda eyayimbukele. Mna ke igama nguKholekile, kanene
wena ubuthe ungubani? Phofu, uyamdlala uWhatsapp?. Hayi!!
Bendingekatsho ndingubani tata, waphendula uBuyiswa. Hay maan
mmingxi, sukudlala ngoluhlobo, kaloku amehlo ayathetha, ngokujongana
nje, sele sisazana, futhi yeka lento katata, ungandibiza uKK. Kulungile
keKK, mna ndinguBuyiswa, ufuna ukubeka ntoni etafileni? yaqhuba

njalo ke incoko ngalontseni, umfo omdala ethenga ezexabiso zona iiziselo.


Kwathi kubetha ilixa lokuvalwa babe beselapho ootatuKK bonwabise
loomatyendyana. Lafika ithuba lokugoduka, Shlobo masigoduke ngoku,
kwanele, watsho uLerato ekhweba uBuyiswa. Hayi wethu kulungile
shlobo, uKK uthe uzakundigodusa, sakubonana eMelodi, waphendula
ngelitshoyo uBuyiswa. Ngubani uKK Buyiswa? Latata ombhukumbhuku
ohleli naye pheshaya phaaa kulatafile? Soze kaloku sishiyane, ayenziwa
lonto!. Hayi wethu mhlobo wam, ndishiye, ndimthembile uKK,
uzilungele njee, akanabungozi. Yaqhuba loncoko imizuzu engaphaya
kweshumi elinesihlanu, uLerato ezama ukucenga uBuyiswa bagoduke
kodwa watsho phantsi. Wayikhomba indlela uLerato ngaloontseni,
okokuqala egoduka yedwa emva kwalamhla wedrama.

12
Ngasemva washiyeka uBuyiswa notatuKK, nesithembiso sokuba
uyakugoduswa. Lafika ilixa lokugoduswa. Yhuuu onje wona umnyobo
wemoto, kunoba unemali loKK, waziva esitsho ngaphakathi uBuyiswa
akubona loomnyobo wemoto awayezakugoduswa ngawo. Kutheni ngathi
awuyingaseMelodi nje? Ubungatsho uyandigodusa? wabuza uBuyiswa.
Ndinesurprise endifuna ukukubonisa sona pha kwihotele yodidi ejongene
ngqo nonxweme. Ndiyeke ndikukhuphe maan, uphumle kokwa kutya
kwaseMelodi, waphendula ngelitshoyo uKK. Wathi akuva ngehotele
uBuyiswa wamoyizela, ebobotheka, eziva enganakwazi ukuzibamba
yimincili nokuthakazelela ukubona ihotele ngaphakathi. Kaloku uBuyiswa
oko wazalwa akazange awubone umphakathi wehotele, wayesanela nje
ukuyibona ngaphandle. Bathi bakungena ngaphakhathi kuloohotele umfo
omdala uKholekile wabe ekhahlelwa ngabasebenzi ukusukela koonogada
emnyango ukuya kubasebenzi kwidesika yolwamkelo. Ahhh
Zooootsho!! batsho abasebenzi ababini ababesamkela ababatyeleli.
Kwacaca apho ukuba utata lo sele esaziwa kulehotele. Kowu mfondini
uyambona uZotsho ufike nomnye namhlanje? Kule veki iphelileyo
ibingabanye, izolo oku ibilolunye usana, usizi lento. Ootata beswekile
kodwa? watsho unogada wokuqala. Ntanga!! bayeka nokuthi ngotata
beswekile ngoku bathi ngooBlesser, abasikeleli. yaqhuba njalo incoko
yabasebenzi bezihlebela.

13
Kutheni na, wangusaziwayo? Wakhahlelwa kangaka? Udume ngantoni?
wayithontelanisa imibuzo uBuyiswa ebona oku kwamkelwa kukaKholekile.
Hayi maan, ngabazala bam aba, oonyana boomalume. Kaloku thina
singabantu abagcineneyo nokuba siphi na, waziphendulela ngatshoyo
uKholekile. Abazala bantoni na mlesi mxim? uKholekile
wayemdlelindlolothi nje uBuyiswa. Yaqhuba looncoko kwade
kwangenwa kwelogumbi lokulala lodidi.

Laphuma ilanga leCawa uBuyiswa eselapho kuloohotele engakagoduki.


Wathi akuphaphama wothuswa kukungazi ukuba uphi, efike njani.

Lerato!! Lerato!! Uphi? wakhwaza esothuka emandlalweni uBuyiswa.

Hayi wena maBuyi, ungaxhali, ukhuselekile. Vuka, ndizokhuphela eGreen-


achers ndikuthengele neempahla ezintsha, uyeke ezezolo.

Wacebisa njalo uKholekile, ezimisele ukuba uzakumonwabisa uBuyiswa


kangangoko anako. UTata lo kwakubonakala ukuba wayefumile,
eneepokotho ezinzulu. Walityhutyha eloBhayi nentombi kaMaGaba,
embonisa ubukhazikhazi angazange aphuphe nokuphupha ngabo.
Zaqengqeleka iintusku zaloveki, ilulonwabo nje. Wayiqwela uZotsho
ngokuyikhuphela elwandle lentwazana. Kwakumnandi kunjeya,
exhelelweXhukwana uBuyiswa.

14
Thyini mlesi! khangela ikhasi likaBuyiswa likaInstagram, kuyimifanekiso
yolonwabo: nje.

15
Yathi yakuphela iveki sabe esisibini singumtya nethunga. Khangela mfundi
isixa esachithwayo ngalompelaveki nje kuphela.

Mna andisafuni ukugoduka ngoku, ndizakukhumbula, watsho


enyembhezana uBuyiswa ngalomhla wokugoduswa, ebuyiselwa eMelodi.

Ungaxhali wena, ndizakutsalela umnxeba apho kulomakhalekhukwini


ndikuthengele wona. Uyakwenza njengezigqibo ke, uthumele iinkcukacha
zakho zeeBhanki.

Hee wethu ntombi uvelaphi ungena uxhakazela ziipasile nje? Kunini


ndikuzama nasemnxebeni. Latata ebethe uzakubuyisa, kwathini?! Iveki le
yonke unyamalele! Khona, umsebenzi wesikolo wona?... wabuza uLerato
ngomsindo. Lera mhlobo wam, ndizakuchubela zonke nje.

16
Waliqala phantsi ibali uBusyiswa ukusukela lamhla woLwesihlanu
wepostoyi yaseCubana, embalisela ngooni nooni, iihotele, iimpahla, nazo
zonke iziyunguma zaloveki ehleli noKholekile. Kwamnandi dade! Kengoku
laamfana wayemana ezokubona yena, uLuthando, uyakubasangena phi
kobu bomi bakho nalotata weswekile, xebe uBlesser? Akuzomvisa
buhlungu omnye umntwana?. Ntombazana, akuzange kutsho wena lo
ukuba kufuneka sibethe ibalance? UKK une ndawo yakhe, uLuthando naye
uyakumana efumana neyakhe indawo. Nantso ke ibalance. Ucinga
ngubani ozakuba nguMr. Transport wethu?

Ngubani ozakubayiProvider? Ngumntwana ngoku uLuthando apha kum,


sakube siyibone eyakhe, waphendula uBuyiswa sele edinekile lolothotho
lwemibuzo. Yhoo inene, le uyenzayo yona mntwanasekhaya
ndoyicelivuthiwe, wakhuza esitso uLerato. Lera ndiyeke mna ndilale,
ndifile kukudinwa.

Waqhubeka lomkhuba kaBuyiswa wokunyamalala iiveki. ULerato


wayesiva nje ngomnxeba usitsho kabini kathathu, ibekukunyamalala kuka
Buyiswa oko. Intombendala yayibonakala ngokufika neempahla zodidi,
izihlangu zexabiso neenwele zemboleko zaphesheya kolwandle.
Wawungasoze utsho kwaphela ukuba ngulaaBuyiswa kaMaGaba.

Nantso ke intoyakho. Liyinene elithi iBhayi alambhathwa, waziva


esitsho uLerato, sele enazo neendawo zokuzisola ngokufundisa uBuyiswa
ngobomi basebusuku. Kaloku nguye owakhanyisela lentombazana
yakwaNonkcampa, eyafika izimisele kakhulu ezifundweni zayo.

17
-------------------------------------------------------------------------------------------------

Makhulu, ndiwufumene umsebenzi wethutyana apho ndiphangela


iintsukwana ezimbini ngeveki, noko ndiyasifumana isixa. Ungazixhamli
ngalamakhulu eeRandi enyanga, imali ngoku uzakuyifumana apha kum.

Wazithakazelela ezondaba zazivela eBhayi kumzukulwana, kaloku indlala


yayisele isitsho kanobomi emva ekhaya, uMaGaba ezama neyokugqibela
ukuze uBuyiswa abuye nesidanga ngenye imini. Wagwetywa ndlala!!!,
waziva esitsho uMaGaba akuva ukuba uBuyiswa ngoku uzakuthumela
imali ekhaya. Ngenene intombi ayizange imdanise uninakhulu. Rhoqo
ngempela nyanga wayethumela amakhulu amahlanu eRandi emva
ekhaya. Yayingekho ke enye impangelo ngaphandle kukaKholekile lo. Loo

mali wayeyithumelela uKK njengotata weswekile yayisabiwa, enye


umafungwashe eyithumela ukuncedisa emva ekhaya, ukanti enye isiya
kwizinxibo, iinwele, iairtime neezihlangu zodidi. Ngabula MaGaba indlala
yayigwetyiwe kunene. UBuyiswa wayesele ephila ubomi beengcungcu,
hayi obomfundi.

-------------------------------------------------------------------------------------------------

18
Khawutsho keKK, zithini iinjongo zakho ngam? wamothusa waphantse
ukuquleka loombuzo uKholekile. Wayesazi mhlophe ukuba incoko eqala
ngoluhlobo iyakuphelela phi na. I---i----iiinjongo zantoni ke? Uthetha
ukuthini? Wazibuzisa uKholekile, ecinga indlela angaphuma ngayo
kulombuzo. Kaloku KK andizokuhlala ndikubona ehotele kuphela,
ndiyakuze ndiwubone nini umzi wakho, abahlobo bakho, ooDadobawo

nooMalume? Uwundimemi nasemicimbini yakowenu? wabuza


uBuyiswa. Kahle kahle nantsika, kutheni ngathi ufuna ukuba
lukhwekhwe lwexhwili nje? Uzakubayintoni emicimbini
yamaZotsho? Kanti ungumntwana otheni ongenasitya sankosi?
Awoneli yilenkxaso ndikunika yona. Ndikuphethe kakuhle kangaka!
Ungaze uphinde undibuze loomfitshi-mfitshi uyandiva? watsho
ngomsindo uKholekile. Kunoba ungenwe yintoni kengoku lo
bekumnandi ndiziqhubela nje incoko? washiyeka ezibuza
ngaphakathi uBuyiswa. Ayizange iphele kamnadi loompela veki emva
kwesosiganeko. UBuyiswa ayizange imphathe kamnandi kwaphela
indlela awaphatheka ngayo nje ngenxa yombuzo omnye. Wagqiba
kwelokuba uyakubalisela umhlobo wakhe uLerato ngesisehlo,
mhlawumbi yena uyakumcingisa ngcono.

19
Wafika njengesiqhelo eMelodi uBuyiswa xa lisiya kunina ilanga
lalooMvulo. Wamfumana efunda umhlobo wakhe njengoko ithuba
leemviwo zokuphela konyaka lalisondele. Wambalisela njengesiqhelo

konke okwehlayo ngalompelaveki. Kodwa Buyiswa shlobo uthetha


ukuba awurhani nakancinane nje? Awuziboni iimpawu? wabuza uLerato.
Iimpawu zantoni na? waphendula uBuyiswa. Awucingi ukuba utatuKK
lo sele engutata otshatileyo? Kuloko nje engafuni nokuva ngokukubona
endlwini yake, waqhubeka ngaloomibuzo uLerato, enenkxalabo yokuba
uKK lo ngudlalani. Umona lo yimali ni Lerato, kudala ndakubona wena
ukuba ayikonwabisanga into yam noKK. Lonto awusaphumi nokuphuma
nam ukususela ngalamhla ndadibana noKK, uthe nkxi ziincwadi. Ndize
kuwe ngethemba lokuba uzakundinika amacebo, kodwa uqhuba
nalaamona wakudala. Ndiyemka futhi mna apha andikwazi tu ukuhlala
nomntu ozibiza umhlobo wam kodwa ngaphakathi enomona, akazange
ahlale nokuhlala uBuyiswa emva kwalooncoko imfutshane nomhlobo
wakhe. Wayibetha yamfutshane ukuya kwithala leencwadi, eyokuzama
ukufunda kuba wayesele esemva kakhulu ezifundweni. Ngaloonjika langa
akazange akwazi ukuzikisa ingqondo kuba wayithiwe nkxi ziingcinga zikaKK
ngapha, kwelinye izingcinga zobudlelwane bakhe obunkenenkene kunye
noLerato. Kwabayinkcitha xesha nje ukuya kwelothala leencwadi kuba
akazange afunde kwanto ngezooyure zintlanu.

20
Emva eMelodi uLerato wazithembisa ngokuba uyakuphanda nzulu
ngaloKholekile kude kufumaneke ubungqina nokuba bunjani na. Akazange
aphozise maseko uLerato, wangena kwiinkonzo zolwazi ze-intanethi,
wadibanisa konke akwaziyo ngaloKholekile. Zaphuma iziphumo ziveza
amakhasi onxibelelwano ahlukeneyo. Okwamtsala umdla uLerato
yabayimifanekiso elishumi yokuqala awayibonayo kanye apho kuGoogle.

Tyhini!!!! Nguye ngqo lotata, akanazo neentloni ezi. Abantwana abadala


kangaka. Ndizakungena kanye kwelikhasi likanyana wakhe likaInstagram.
Ngobobusuku uLerato wabufumana bonke ubungqina obabubonakalisa
ukuba uKholekile ngutata wesine sonke samadoda kwakunye nesibini
samantombazana asakhulayo, futhi engutata otshatileyo. Okunye
okwakhwanqisa uLerato kukubona imifanekiso apho kuInstagram
ekhatshwa yimiyalezo obonakalisa ukuba uKK lo wayengasaluboni rhoqo
usapho lwakhe.

Ndizakumxelela njani kodwa uBiyiswa oludaba engafuni ukundibona nje?


Nokuba kunzima kangakanani na, andisokuze ndimyekelele umhlobo
wam, ndingema nasemthini nokuba kusesibondeni, le yona ndizakuyenza
ngempumelelo nakanjani. Mhlawumbi kwakufuneka ndenze cebo lithilie
lokuba ndimthumelele yonke lemifanekiso ngokukhawuleza, nokuba
kungencwadi yombane. Eneneni wayithumela loomifanekiso uLerato,
ebongoza uBuyiswa ukuba ayivule looncwadi wayemthumelele yona,
nokuba yinto yokugqibela ayakuze ayifunde evela kuye.

21
Emva nje kwemizuzu emihlanu, yafika loncwadi kuBuyiswa inemifanekiso
yosapho lukaKholekile luphelele. Nkosi yamadinga!!!

Yinto endizakuyiqalangaphi na le? Hlobo luni lomgibe olu ndizifake


kuwo?, watsho uBuyiswa ezele ziinyembezi. Wagqiba kwelokuba
akubona obobungqina uyakumtsalela umxeba uKholekile. Ngenene
akazange aphozise maseko, wenza njalo. Ngubani uNokwaka?
NgubanuNcedo, ngubani uLoyiso, engubani uZimbini?, wazibuzisa
emnxebeni enyembezana uBuyiswa ewabiza oonke loomagama
abantwana bakaKholekile kuquka negama lenkosikazi wakhe uNokwakha.
Ntombazana ndini ungaze uphinde unditsalele umnxeba, ukusesela
namhlanje, andikwazi. Ndiyakuze ndikuphike nasemdudweni, watsho
ebeka phantsi umnxeba uKholekile. Zamxhela uBuyiswa ezindaba.
Zamshiya intliziyo ikhathazeke kanobomi.

Lafika lona ixesha leemviwo zokuphela konyaka. Abafundi


babezizinxadanxada bephuma bengena kwithala leencwadi
bezilungiselela iimviwo zokugqibela. Ngelishwa, uBuyiswa wafumanisa
ukuba akazange afikelele kumanqaku alindelekileyo okubhala iimviwo,
iDP. Ngenxa yokuphoswa kwakhe luvavanyo lwaphakathi enyakeni
phantse kuzo zonke izifundo zakhe nokungafaki imisebenzi emincinane
phakathi enyakeni waziphosanisa nethuba lokuba achophele ezoomviwo.

22
Thiza!! Uzakuthini uMaGaba. Andifumenanga neDP le yokuba ndingene
ndibhale oku kwegama lam. Ndizakugoduka njani khona? Andisoze
ndiyifeze eyokubuyela kulandlala yasekhaya. Ngalomhla uBuyiswa
wagqiba kwelokuba akasokuze aphinde awubeke umcondo wakhe ekhaya.
Lentombazana yayisazi futhi ukuba ngenxa yokungaphumeleli nasinye
isifundo kwizifundo zakhe zonyaka wokuqala, inkxaso mali owayeyifumana
kwiOfisi yeNkulumbuso yePhondo ayisoze iqhubeke naye.

Inene, ootata beswekile zizilingo. Yinto endandiyikhathalele ngantoni


le yabasikeleli? Endixelela ke uLerato mihla le ngeBlessers, kodwa
ndingaphula phuli. Kodwa nam ndambona zisuka nje loKK ukuba
kunokuba zezintanga zoomalume.

Inyaniso yeyokuba ndatsalwa yimali kuba yayingekho enye indlela.


Liyinene elithi indlala inamanyala, kungoku nje umqa womelephinini

Kuthiwa aziwulali ke umbethe mlesi. Zahamba ezondaba zikaBuyiswa zade


zayokufika kuMaGaba ngenkqu. Kuba yayisele inkene-nkene impilo
kulengwevukazi, ezindaba azizange zingene kamnandi. Kwadlula nje
iintsuku ezimbini, wayikhaba ibhekile uMaGaba. Unobangela wokufa
yabasisifo sentliziyo. Yanyamalala kweloBhayi intombi kaMaGaba
ingazange iyekubeka nelitye kwaNonkcampa. Kunanamhlanje nje
akwaziwa ukuba yayotshona kwesikabani ni na.

--------------------------------Isiphelo sesigaba sokuqala---------------------------

Unathi September

23

You might also like