Professional Documents
Culture Documents
Wagwetywa Ndlala
Wagwetywa Ndlala
Unathi September1
4. Wagwetywa ndlala: #AbaTata #Abasikeleli
2
Halala!! Halala!! Halaaala!! Bambanumqhagi noNdoda,
Ndikhokele, O Yehova!
Unamandla: andinawo;
Unobuthathaka ndim;
3
Wayiqukumbela uMaGaba intsika yakhe encedisa naye uBuyiswa
ngelizwi elimyoli. Namhlanje umthandazo wathanda ukuba mde
kunesiqhelo. Le ngwevukazi yayiyaleza lentwazana kophezulu kuba isiya
kude nekhaya okokuqala ebomini bayo. Waqala ngokuyicelela indlela
entle wagqibela ngokuyicelela impumelelo ezifundweni kude kufike
ixesha lokuthweshwa kwezidanga. Wafika kuAmen uMaGaba sele
wawuqukumbela kudala owakhe umthandazo uBuyiswa. Wathi
akugqiba umthandazo uMaGaba wangena kwiziyalo, zibhekise
kuBuyiswa ngobomi baseBhayi. Wawabulela la mazwi uBuyiswa,
ethembisa ukuba ayakuhlala entliziyweni kude kufikelele loomhla
umkhulu ayakumbona ethweswa isidanga.
----------------------------------------------------------------------------------------------
4
Ngenene umqhubi wafika kwangethuba esikhululweni sooduladula
baseQonce. KwakunguMbo noMxesibe ngabantwana besikolo, uninzi
luziswe ngabazali ngenkqu, bambhi besindwa yimithwalo, ukanti abanye
benemigodlwana nje kucaca ukuba abathathi ntweni. Ngenani ngenani
maqabane, kukudengqinibeni, wakhwaza uTshangisa umqhubi omdala
wooduladula bemigama emide. Bangena abafundi bethontelana
kuyimincili. Kunjani sisi, kukhona umntu ohleliyo ecaleni kwakho? Phofu
nokuba ukhona mna andisokuze ndisuke ndizibonele wena. Labuza
liziphendula ityendyhana lomfana elalikhangela indawo yokuhlala. Igama
nguLuthando, usisi yena ngubani?. NguBuyiswa, yaphendula intombi
kaMaGaba ngoloncumo luhle lunezinxonxo. Hayi ke mna ndisingise
eBhayi, kwelaziko lemfundo ephakamileyo yodumo iNMMU. Ndamkelwe
ukufunda ezoMthetho. Uhleli negqwetha langomso ecaleni kwakho.
Wena uyaphi, wabuza uLuthando. Nam ngokunjalo, ndilisingise
eNMMU, mna ndamkelwe ukufunda eZengqesho, iHuman Resesources
ngabula makhumsha, waphendula uBuyiswa. Thyini, sizakuba
ngabahlobo abasenyongweni moss ungatsho nje. Yaqhuba njalo
looncoko, ubuhlobo besisibini bubonakala ngathi kudala babakho. Lafika
ithuba lokunduluka kukaduladula eQonce. UTshangisa wawunyathela
umcephe, bashiyeka nothuli abakhaphi.
Ndlelaaaaaantle!
5
Ngenene yaphendulwa imithandazo kaMaGaba yenjikalanga, uhambo
oluya eBhayi aluzange lubenawo amagingxigingxi, wangena ngengoma
eBhayi uTshangisa. Bonke abaya eMelodi ngapha bethuna, akhwaza
amantombazana equmrhu lolwamkelo lwabafundi abatsha. Hayi ke mlesi,
yabalulonwabo kubo bonke abafundi, abadala kwakunye nabatsha,
kuphathiswana loomigodlo esuka emakhaya. Wangeniswa egumbini lakhe
uBuyiswa, waboniswa bonke ubukhazikhazi ngabula yena awayenabo
ngaphakathi. Wafika kwigumbi elikade linomfundi ngaphakathi. Lo
yayinguLerato, umfundi owayezakwabelana noBuyiswa ngegumbi unyaka
wonke. Intombazana le yayisuka kwidolophu yaseMangaung, apha eBhayi
yatsalwa leliziko lemfundo lisecaleni konxweme. Dumela ausi, u phela
joang? Lebitso la ka keLerato, odula moMangaung, wabulisa ngeSesotho
uLerato. Molo wethu, igama lam mna nguBuyiswa, isiXhosa awusazi?
Ndiyasizama ka-nci-nci sana kalok. watsho ngelizwi elinentandabuzo
uLerato. Hayike mna ndizakukufundisa, kaloku ntombi kuseBhayi apha
akubuwa, kuyathethwa apha, nawe ke uyakundifundisa enidume ngazo
pha eMangaung.
6
ukuba kudala elindele ukubuzwa Yazi wena Lerato, ngamanye amaxesha
nam ndiye ndinqwenele ukuhamba nawe, ndiyokubona ezindawo zakho,
nto nje andinazo ezilokhwe nezihlangu zexabiso nihamba ngazo. Tyhini,
ixesha eli lonke ubungatsho nje? Singabahlobo ngoku Buyiswa, xa into
ungenayo ubokuyicela. Ndizakuboleka konke okufunayo! Safunga kaloku
sathi sakufundisana, ngoku ndizakufundisa njani esidume ngazo xa
ungaphumi nam ngobusuku? Wamgqagqanisela ngalomazwi kucaca
mhlophe ukuba uLerato wayezimisele ekumfundiseni umhlobo wakhe.
7
kwakusenziwa nguBuyiswa kwakunxamnye nesosithethe. Hayi bobhuti,
ningakhathazeki, ndisamfundisa indlela esenza ngayo.
8
esazi ukuba ngoLwesihlanu ziyaduma eCubana. Tyhini! Mhlobam
uyabona ukuba waqhela ngoku apha epotsoyini, sele ukwazi nokuhamba
10
Ngenene ke yafika imini yokubuyela eBhayi. UBuyiswa wathathisa apho
wayeshiye khona. Tyhini! Kwesisigaba yayinguBuyiswa ngoku okhumbuza
uLerato ngeepotsoyi. Shlobo, kunini ndizikhumbula iintsuku zethu
zolonwabo, masibe pha impela veki yonke, sibuyise ezaantsuku
siziphosileyo ngokuhlala emakhaya, watsho uBuyiswa. Hee ntombi
iiassignments wena awunazo njengokuba thina sisihla sisenyuka
sixelamanzi olwandle? Kaloku tshomi kufuneka sibethe nebalance
wabuza ngenkxalabo uLerato. Hayi wethu, sakuzibona second half
iiassignments azibaleki, waqukumbhela ngelitshoyo uBuyiswa
elungiselela ubusuku bokubuyisa iintsuku zolonwabo ezaphosakalayo.
Alungisa lamantombazana njengesiqhelo, kuyimibhukuzo, imisizi
yamehlo, iziqholo, iinzipho ezimthubi nezigcebhezana. NgaloLwesihlanu
walempela veki yayizele immi ngembhambho iiCubana, iyipotsoyi
ekhethekileyo yokubuya kwabafundi bevela emakhaya. Kudala nisilindile
sesifikile, Kudala nisilindile sesifikile, bangena becula abahlobo kucaca
nokuba badle ukudla kwamandla. UBuyiswa yena wayenazo neendawo
ezivovayo, edanisa esiyaphambili. Bathi buqina ubusuku yabe intombi
kaMaGaba sele idanisa phezu kweetafile, amehlo sele ethe ntsho kuye.
Iyhoo-yhoo-yhooooo. Hay-Hay-Hay-Hay, tyhini madoda, iBhayi
lalingene laphelela kwintombi yakwaNonkcampa, inguye inguye phakathi
kwaloonginginya. Ooxholovane bamaxhalanga amadoda ayelinde
kwezotafile, esazi ukuba lakufika lona ilixa lokunxanwa
kwalamantombazana emva kokudanisa okungaka.
11
Ngenene, kwathi kubetha intsimbi yesibini ngentseni wabe emaphikana
uBuyiswa, kubonakala ukuba angasidinga isiselo esibandayo. Hayboooo
ziright iigirls? Ukudanisa okungaka? Kunoba ufile lunxano, yamkhweba
uBuyiswa indoda eyayimbukele. Mna ke igama nguKholekile, kanene
wena ubuthe ungubani? Phofu, uyamdlala uWhatsapp?. Hayi!!
Bendingekatsho ndingubani tata, waphendula uBuyiswa. Hay maan
mmingxi, sukudlala ngoluhlobo, kaloku amehlo ayathetha, ngokujongana
nje, sele sisazana, futhi yeka lento katata, ungandibiza uKK. Kulungile
keKK, mna ndinguBuyiswa, ufuna ukubeka ntoni etafileni? yaqhuba
12
Ngasemva washiyeka uBuyiswa notatuKK, nesithembiso sokuba
uyakugoduswa. Lafika ilixa lokugoduswa. Yhuuu onje wona umnyobo
wemoto, kunoba unemali loKK, waziva esitsho ngaphakathi uBuyiswa
akubona loomnyobo wemoto awayezakugoduswa ngawo. Kutheni ngathi
awuyingaseMelodi nje? Ubungatsho uyandigodusa? wabuza uBuyiswa.
Ndinesurprise endifuna ukukubonisa sona pha kwihotele yodidi ejongene
ngqo nonxweme. Ndiyeke ndikukhuphe maan, uphumle kokwa kutya
kwaseMelodi, waphendula ngelitshoyo uKK. Wathi akuva ngehotele
uBuyiswa wamoyizela, ebobotheka, eziva enganakwazi ukuzibamba
yimincili nokuthakazelela ukubona ihotele ngaphakathi. Kaloku uBuyiswa
oko wazalwa akazange awubone umphakathi wehotele, wayesanela nje
ukuyibona ngaphandle. Bathi bakungena ngaphakhathi kuloohotele umfo
omdala uKholekile wabe ekhahlelwa ngabasebenzi ukusukela koonogada
emnyango ukuya kubasebenzi kwidesika yolwamkelo. Ahhh
Zooootsho!! batsho abasebenzi ababini ababesamkela ababatyeleli.
Kwacaca apho ukuba utata lo sele esaziwa kulehotele. Kowu mfondini
uyambona uZotsho ufike nomnye namhlanje? Kule veki iphelileyo
ibingabanye, izolo oku ibilolunye usana, usizi lento. Ootata beswekile
kodwa? watsho unogada wokuqala. Ntanga!! bayeka nokuthi ngotata
beswekile ngoku bathi ngooBlesser, abasikeleli. yaqhuba njalo incoko
yabasebenzi bezihlebela.
13
Kutheni na, wangusaziwayo? Wakhahlelwa kangaka? Udume ngantoni?
wayithontelanisa imibuzo uBuyiswa ebona oku kwamkelwa kukaKholekile.
Hayi maan, ngabazala bam aba, oonyana boomalume. Kaloku thina
singabantu abagcineneyo nokuba siphi na, waziphendulela ngatshoyo
uKholekile. Abazala bantoni na mlesi mxim? uKholekile
wayemdlelindlolothi nje uBuyiswa. Yaqhuba looncoko kwade
kwangenwa kwelogumbi lokulala lodidi.
14
Thyini mlesi! khangela ikhasi likaBuyiswa likaInstagram, kuyimifanekiso
yolonwabo: nje.
15
Yathi yakuphela iveki sabe esisibini singumtya nethunga. Khangela mfundi
isixa esachithwayo ngalompelaveki nje kuphela.
16
Waliqala phantsi ibali uBusyiswa ukusukela lamhla woLwesihlanu
wepostoyi yaseCubana, embalisela ngooni nooni, iihotele, iimpahla, nazo
zonke iziyunguma zaloveki ehleli noKholekile. Kwamnandi dade! Kengoku
laamfana wayemana ezokubona yena, uLuthando, uyakubasangena phi
kobu bomi bakho nalotata weswekile, xebe uBlesser? Akuzomvisa
buhlungu omnye umntwana?. Ntombazana, akuzange kutsho wena lo
ukuba kufuneka sibethe ibalance? UKK une ndawo yakhe, uLuthando naye
uyakumana efumana neyakhe indawo. Nantso ke ibalance. Ucinga
ngubani ozakuba nguMr. Transport wethu?
17
-------------------------------------------------------------------------------------------------
-------------------------------------------------------------------------------------------------
18
Khawutsho keKK, zithini iinjongo zakho ngam? wamothusa waphantse
ukuquleka loombuzo uKholekile. Wayesazi mhlophe ukuba incoko eqala
ngoluhlobo iyakuphelela phi na. I---i----iiinjongo zantoni ke? Uthetha
ukuthini? Wazibuzisa uKholekile, ecinga indlela angaphuma ngayo
kulombuzo. Kaloku KK andizokuhlala ndikubona ehotele kuphela,
ndiyakuze ndiwubone nini umzi wakho, abahlobo bakho, ooDadobawo
19
Wafika njengesiqhelo eMelodi uBuyiswa xa lisiya kunina ilanga
lalooMvulo. Wamfumana efunda umhlobo wakhe njengoko ithuba
leemviwo zokuphela konyaka lalisondele. Wambalisela njengesiqhelo
20
Emva eMelodi uLerato wazithembisa ngokuba uyakuphanda nzulu
ngaloKholekile kude kufumaneke ubungqina nokuba bunjani na. Akazange
aphozise maseko uLerato, wangena kwiinkonzo zolwazi ze-intanethi,
wadibanisa konke akwaziyo ngaloKholekile. Zaphuma iziphumo ziveza
amakhasi onxibelelwano ahlukeneyo. Okwamtsala umdla uLerato
yabayimifanekiso elishumi yokuqala awayibonayo kanye apho kuGoogle.
21
Emva nje kwemizuzu emihlanu, yafika loncwadi kuBuyiswa inemifanekiso
yosapho lukaKholekile luphelele. Nkosi yamadinga!!!
22
Thiza!! Uzakuthini uMaGaba. Andifumenanga neDP le yokuba ndingene
ndibhale oku kwegama lam. Ndizakugoduka njani khona? Andisoze
ndiyifeze eyokubuyela kulandlala yasekhaya. Ngalomhla uBuyiswa
wagqiba kwelokuba akasokuze aphinde awubeke umcondo wakhe ekhaya.
Lentombazana yayisazi futhi ukuba ngenxa yokungaphumeleli nasinye
isifundo kwizifundo zakhe zonyaka wokuqala, inkxaso mali owayeyifumana
kwiOfisi yeNkulumbuso yePhondo ayisoze iqhubeke naye.
Unathi September
23