You are on page 1of 9

MOLWENI BAFUNDI BESIXHOSA

MALUNGA NEPHEPHA LOKUQALA LESIXHOSA – KHUMBULA OKU:

KWISICATSHULWA A: QINISEKA NGOKU KULANDELAYO:

 Fundisisa isicatshulwa – sifunde kabini wakugqiba ufunde imibuzo yonke, phinda ufunde
isicatshulwa ngokuthi ufunde umhlathi, wakugqiba uphendule imibuzo ejoliswe kuloo mhlathi.
 Phendula ngokwemihlathi okanye imiqolo oyalelwe ngayo embuzweni – yiya ngqo kumhlathi
okanye umqolo ekuthiwe yiya kuwo kuba impendulo yaloo mbuzo ilele apho.
 Xa ufunda umbuzo qwalasela isenzi esibuzayo ukuba sifuna unike impendulo ethini, umzekelo; xa
isenzi sisithi:
 CHONGA/ CAPHULA igama/ibinzana – thatha lona lodwa uyishiye yonke enye into. Sukuzilibazisa
ngokuthatha sonke isivakalisi. Xa uthe wasithatha KRWELELA le mpendulo ifunwa ngumbuzo.
Xa kufuneka ucaphule isivakalisi njenga ku 1.3 Nov.2018, qiniseka uthatha isivakalisi sonke.
 Uyangqinelana/awungqinelani, yinyani/luluvo/bubuxoki, XHASA impendulo yakho – khetha
icala kuqala, uzixhase ngokupheleleyo, amanqaku ngawokuzixhasa hayi ukukhetha qha. Jonga
umbuzo 1.14 Nov. 2018
 LUTHINI ULUVO LWAKHO? – sukuyikhangela kwisicatshulwa impendulo yalo mbuzo, ifuna
iimbono zakho ngoko kubuziweyo. Ayamkelekanga impendulo engu ‘ewe no-hayi’, yithi ‘Luluvo’
okanye ‘yinyani’ wakugqiba uzixhase ngokupheleleyo. Jonga umbuzo 1.12 Nov 2018.
 Eminye imibuzo ifuna ungene ezihlangwini zombhali uthathe izigqibo wakugqiba UZIXHASE
umzekelo, (Yiyiphi ingcamango evezwa ngumbhali xa esthi…, kutheni umbhali ethe…, uveza ntoni
umbhali xa esithi…, neminye)
 Imibuzo efuna intsingiselo ngokwesicatshulwa okanye gabalala – sukuxhumela ukunika
impendulo, wufundisise umbuzo uve ukuba yeyiphi le ntsingiselo ifunwayo.

KWISICATSHULWA B (UMFANEKISO)

 Wuqwalaselise umfanekiso kuba imibuzo yalapha ifuna ukuba uwuqondile na.


Sukuwugqwagqwa, wujongisise.
 Kumbuzo ofuna uthelekise ukufana nokwahluka kwezicatshulwa (A no-B) – velela amacala
omabini kwimpendulo yakho ngolu hlobo: Zozibini izicatshulwa zithetha …. Zahluke ngokuba
kwisicatshulwa A kuthethwa… kanti kwisicatshulwa B kuthethwa…

ICANDELO B (ISISHWANKATHELO) – amanqaku ali- 10

 Fundisisa imiyalelo yalo mbuzo wenze njengoko uyalelwe.


 Fundisisa isicatshulwa kuqala uve umxholo waso, ze uphawule iingongoma eziphambili.
 Wuqwalasele ngamandla laa mqolo uthi “ Kwesi sicatshulwa kuthethwa ng.../ esi sicatshulwa
sing..., kuba iingongoma eziphambili zezi zithetha ngoko kuxelwe kulo mqolo.
 Shwankathela ngomhlathi usebenzise amazwi akho – akunyanzeleka uwatshintshe onke
amagama. Qiniseka zikho zosixhenxe iingongoma.
 Bhala izivakalisi ezipheleleyo, ungagqithi kumagama angama-70.
 Sukushiya ungabhalanga kulo mbuzo, endaweni yoko bhala iingongoma ezo uzifumana
kwisicatshulwa kodwa wazi ukuba awuzukuwafumana amanqaku olwimi.

1
ICANDELO C (IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI) – amanqaku ngama-30

ISIBHENGEZO – NTENGISO – 10 amanqaku

 Qwalaselisisa isibhengezo uqaphele unxulumano phakathi kwesihloko, umfanekiso


nokuthethwayo okanye okubhaliweyo. (ukwenzela ukwazi ukuphendula umbuzo othi,
Sinxulumana njani isihloko sesibhengezo nokuthengiswa kuso?)
 Yijongisisise ukuba yintoni le ithengiswayo, kuthiwani ngayo, ithengiswa ngubani, ithengiselwa
oobani. Qwalasela zonke izinto ezihamba nezingqonge isibhengezo.
 Qwalaselisisa iimpawu zesibhengezo ezi zezi:
 Ifonti esetyenzisiweyo – kutheni inkulu/ incinci? Enkulu itsala umdla wabathengi, kanti
encinci ifihla into ethile, umzekelo ixabiso laloo nto ithengiswayo.
 Ilogo – umfanekiso okanye umzobo osetyenziselwa ukwahlula imveliso leyo kwezinye.
 Islogan libinzana elifutshane elihambelana nomfanekiso.
 Ulwimi lwezibhengezo – oluqhathayo, olucengayo, olujija ingqondo noluqweqwedisayo.
 Izakhi nemigaqqo yolwimi – izichazi, izimelabizo, izenzi eziyalelayo, izihlomelo, iimpawu
zobhalo (uphawu lokhuzo, lombuzo, loshiyelelo-magama, nezinye)
 Imibuzo efuna uluvo lwakho – veza indlela obona ngayo wakugqiba uzixhase , umzekelo, Ingaba
uphumelele lo mthengisi kwesi sibhengezo? Siluncedo njani..., neminye
 Efuna ungene ezihlangwini zomthengisi – ngena wakugqiba uzixhase, umzekelo, kutheni
umthengisi esebenzise i..., yintoni injongo yomthengisi...

IKHATHUNI – 10 amanqaku

 Qwalaselisisa ikhathuni ujongisise nenjongo yayo, umzekelo ukufundisa, ukonwabisa, nezinye.


 Jonga iimpawu zekhathuni ezi zezi:
 Isimo sentlalo (yenzeka phi, nini, Abalinganiswa nezimo zabo, Imbonakalo yobuso, Intshukumo
yamalungu omzimba, Ubungakanani befonti, Iimpawu zokubhala, Ulwimi
 Amaqam (speech bubbles) asetyenziswa kwiikhathuni:

Iqam Iqam lomntu


lokuthetha ngokuvakalayo onomsindo

Iqam lokucinga

Iqam lokuhleba

2
UMBUZO 5 : IMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI – 10 amanqaku

Zikhumbuze ngemibuzo ebuza ngesakhi, umzekelo iyathanda ukuba ngoo 5.1.

 Zikhumbuze ngezakhi zamagama

Isakhi lilungu elithile legama. Siyafumaneka kwisibizo ngolu hlobo:

Isibizo: abantu > izakhi esifumaneka apha liceba, isisekelo, ingcambu kunye nesigqibelo.

Kwisenzi > sifumana isakhi esisivumelanisi sentloko okanye esenjongosenzi kanti nesakhi
sokuzenza, ngolu hlobo:

Zithi izifundo zeBhayoloji.... esi sakhi sisivumelanisi sentloko kuba sivumelana nesibizo
esiyintloko – isibizo esenzayo kwisivakalisi.

Ndizivile izifundo zeBhayoloji ... esi sisivumelanisi senjongosenzi kuba sivumelana nesibizo
esiyinjongosenzi – isibizo ekwenziwa kuso kwisivakalisi.

Ndiyazifundela isifundo zeBhayoloji ... esi sisakhi sokuzenza kuba salatha ukuba isenzeko
senziwa yintloko sisesenzeka kwakwintloko ngokwayo.

[akunyanzelekanga ukuba intloko okanye injongosenzi isoloko ikho kwisivakalisi okanye intloko
isoloko isekuqaleni kwesivakalisi injongosenzi ekugqibeleni. Wena mfundi, funda isivakalisi
ufumane Ngubani owenzayo? (yintloko leyo), kwenziwa ntoni? (sisenzi eso), Yenziwa
kubani/phi? (yinjongosenzi leyo). Nezivumelanisi ke ziza kuvumelana nazo ngoku zikwezo ndawo
zikuzo ezi bizo.]

 Imisebenzi yezimelabizo – Mfundi sicela uqaphele oku malunga nezimelabizo

Ukuba kwisivakalisi kuqale isimelabizo kulandele isibizo ngaxeshanye – sithi sandulela isibizo
esihamba naso. Lo tata uneswekile.

Ukuba kuqale isibizo kulandele isimelabizo ngaxeshanye – sithi silandela isibizo esihamba naso.
Utata lo uneswekile.

Ukuba isimelabizo sime sodwa endaweni yesibizo esiyintloko (khumbula sesi senzayo
kwisivakalisi) – sithi sisebenze njengentloko yesivakalisi / simi sodwa endaweni yesibizo
esiyintloko. Okona kufunwayo kokushushu.

Ukuba isimelabizo sime sodwa endaweni yesibizo esiyinjongosenzi (khumbula sesi kwenziwa
kuso kwisivakalisi) – sithi sisebenze njengenjongosenzi yesivakalisi / simi sodwa endaweni
yesibizo esiyinjongosenzi. Bafuna eli.

 Amaxesha ezenzi
Kwimibuzo ethi ...’guqula isivakalisi sibe kwixesha elithile okanye sibe kwimo ethile’ – sukuya
nokuba kukweliphi igama, linye igama oya kulo -SISENZI (khumbula leli gama lalatha isenzeko
kwisivakalisi) uguqule sona. Sifunde isivakalisi wakugqiba ukutshintsha ukwenzela uqaphele
ukuba akukho elinye igama eliza kufuna ukutshintshwa ngenxa yotshintsho osele ulwenzile.
 Izichazi - izichazi zonke zichaza isibizo okanye isimelabizo –
Iziphawuli zakhiwa kwiziqu zazo qha [-bi,-de,-dala, -khulu, -ncinane,-mfutshane, -hle, -tsha,

3
-ni, -ngaphi, -ninzi, -nje,
-nye, -mbini, -ntathu, -ne, -tlanu, -ntandathu]. Makhe bazicule iziqu zeziphawuli ngolwaa hlobo
sasiculiswa ngalo nathi ukwenzela ukuba sona sodwa bangasiphazamisi nezinye izichazi.
Izivumelanisi zesiphawuli <
esentsusa – sifana nqwa nesisekelo sesibizo esichazwayo – Abantwana besikolo bahle.
Esongezelelweyo – kufakelwa isikhamiso phambi kwesi sentsusa – Abantwana abahle ...
Isimnini – sisichazi esibangayo kwisivakalisi < isivumelanisi saso sivumelana nesibizo
esibangwayo, ze isiqu sesimnini sona salathe umbangi.
Isikolo sethu siyazikhusela. Ukutya kwehotele kunexabiso eliphezulu.
Isibaluli – siphuhlisa ubalaselo oluthile kuloo nto kuthethwa ngayo.
Ndifuna abaneelokhwe ezingwevu. Ulusizi umntwana oshiywa yedwa.
 Izihlomelo – ligama elicacisa isenzi/ okanye isihlomelo malunga nobunjani, nobungakanani,
nendawo okanye ixesha. (zakhiwa kwizigaba ezininzi izihlomelo)
Esendawo / isalathandawo (siphendula umbuzo -phi?) – sicacisa indawo oko kuthethwa ngako
ekwenzeka khona. Sibonakala ngesakhi salathandawo u-e- kuze kufakelwe isimamva u-ni :
egumbini / edolophini
Esexesha (siphendula umbuzo - nini?) – sicacisa ixesha oko kuthethwa ngako ekwenzeke ngalo;
ixesha lemini/ubusuku, ixessha ngokwenyanga zonyaka.
Esobunjani (siphendula umbuzo - njani?) (– sakhiwa kwizigaba ngezigaba, umzekelo izichazi.
Imizekelo: kakubi, kakuhle, kamyoli, kamnandi.
Esobungakanani (siphendula umbuzo -kangakanani ?) - kakhulu / kancinci
 Ingxelo-ntetho nentetho ngqo – Abafundi mabaqaphele amanqaku kuba xa emathathu, oko
kuthetha ukuba zintathu iindawo ezifuna utshintsho.

INTETHO-NGQO NENGXELO NTETHO

Qaphela ke mfundi oku kulandelayo malunga nentetho-ngqo nengxelo ntetho.

INTETHO-NGQO

 La mazwi ngamazwi esithethi njengoko aphuma emlonyeni wesithethi eso.


 La mazwi aphawulwa ngokubhalwa phakathi kwiimpawu zocaphulo .
 Kubakho amazwi entshayelelo afana noo-uthe, utshilo, wabuza/ubuze, wakhuza/ukhuze, njalo njalo,
alandelwe yikoma, ze kulandele la mazwi athethwa sisithethi ekwiimpawu zocaphulo.
 Unobumba wegama lokuqala phakathi kwiimpawu zocaphulo kunyanzelekile abe ngunobumba
omkhulu.
 Iimpawu zobhalo, umzekelo, isingxi, uphawu lombuzo nelokkhuzo, ezilandela la mazwi esithethi
nazo zivalelwa phakathi kwezi mpawu zocaphulo.
 La mazwi esithethi kunye nala wentshayelelo ama nakanjani kwisivakalisi KODWA kufuneka
uqaphele ukubhalwa kwekoma kwimeko nganye, ngolu hlobo:
 Uyise uthe, “Siza kuhamba ngomso.”
 “Ewe”, utshilo, “Siza kuhamba ngomso.”
 “Siyahamba ngomso,” utshilo uyise.

4
INGXELO-NTETHO

 Masithi kukho umntu wesithathu ofuna ukwazi ukuba ebesithini uyise wakhe kuwe, wena ke
uyamcacisela.
 Lo ucaciselwayo ucaciselwa ngeNGXELO-NTETHO, ngolu hlobo:
 Uyise uthe baza kuhamba ngosuku olulandelayo.
 Qaphela utshintsho nokushiywa kweempawu zobhalo ezithile xa kubhalwa isivakalisi kwingxelo-
ntetho kwezi zilandelayo:

Isivakalisi esikwintetho-ngqo Isivakalisi esikwingxelo-ntetho Utshintsho olwenzekayo.


“Nifuna ntoni?” ubuzile unina. Unina ubuzile ukuba bafuna Lusukile uphawu lombuzo
ntoni. kwafakelwa isihlanganisi u-
ukuba.
“Mna nomhobo wam siya USasa uthe yena nomhlobo Isimelabizo sijike sangu-yena,
elwandle namhlanje”, utshilo wakhe baya elwandle ngaloo isimnini ngu-wakhe, isihlomelo
uSasa. mini. sexesha ngu-ngaloo mini.
“Kutheni singahambi kunye?” UThemba ubuzile ukuba Akukho mfuneko yaphawu
ubuzile uThemba. kutheni bengahambi bobabini. lombuzo, u-kutheni akabuzi
ngoku ngenxa yesihlanganisi u-
ukuba.

MALUNGA NEPHEPHA LESIBINI LESIXHOSA –KHUMBULA OKU:

Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU. FUNDISISA yonke imiyalelo, amanqaku weli phepha
axhomekeke ekulandeleni imiyalelo ngokuchanekileyo.

ICANDELO A (ISIHOBE)

 Linemibuzo emihlanu; emine yokuqala (ukusuka kumbuzo 1 ukuya kumbuzo 4) ithatyathwe


encwadini yakho ngoko ke yimibongo oyifundisiweyo.
 Kule mibuzo mine ukhetha ibe mibini kuphela.
 Umbuzo 1 ngumbuzo osisincoko – qiniseka ukuba uwuve kakuhle umbuzo phambi
kokuphendula.
 QAPHELA ukusuka kumbuzo 2 ukuya kumbuzo 4 yimibuzo emifutshane ebuzwa
ngokufanayo kwimibongo yonke. Sukusuka ukhethe, KHETHA umbongo onesigama osivayo
nolula kuwe ukuze kube lula ukuphendula.
 Umbuzo wesihlanu awufundiswanga wona kodwa kunyanzelekile uwuphendule.
 Wunonelele lo mbuzo kuba uwodwa awukhethiswa nomnye, kunyanzelekile ukuba kula
manqaku angama-30 eli candelo, alishumi ibe ngawalo mbuzo.
 Ukuba uqale ngokuphendula lo mbuzo, SUKUYITSHINTSHA indlela ononjolwe ngayo.
Yiza nayo ngolu hlobo: umbuzo 5, 5.1.
 Qiniseka ukuba yonke imibuzo uyinombola ngohlobo enonjolwe ngayo kwiphepha
lemibuzo.

5
QAPHELA LE MIBUZO ILANDELAYO:

1. Luhlobo luno lombongo olu? Xhasa impendulo yakho. – Xela udidi lombongo wakugqiba
uzixhase ngokucaciswe kumbongo okanye ngeempawu zawo. Umzekelo, umbongo ‘Iimbongi’
yisonethi kaShakespear/ yamaNgesi kuba unemiqolo eli-14/ uneekwatreni ezintathu
nekhaphlethi. Umbongo “Unozakuzaku” ngumbongo-nkcazo/ochazayo kuba sichazelwa
ngobunjani bukanozakuzaku/umsebenzi wakhe/iimeko asebenza phantsi kwazo/ iwonga akulo.
2. Chaza okanye unjani umoya wembongi kulo mbongo? – Umoya wembongi yindlela imbongi
eziva ngayo. Iimpendulo ezichanekileyo zezi: yonwabile/ iyavuya/ ichulumancile/ ikhathazekile/
inosizi/yothukile/ inomsindo/ iyaphoxisa. Azamkelekanga tu ezi iimpendulo: uphantsi/
usezantsi/uphakathi/ uphezulu/ uyabanda/ ushushu.
3. Chaza okanye injani ithoni yembongi...? – Ithoni yindlela ethetha ngayo, umzekelo, iyagadlela/
iyaphoxa/ iyalwa/ iyacenga/
4. Xela umfanekiso-ngqondweni.../ mfanekiso-ngqondweni mni....? – apha fundisisa eli
gama/binzana/ umqolo okhonjwe kuwo, loo ndawo ichukumisa liphi ilungu lomzimba/ wuphi
umzwa kuwe? Nika impendulo ethi ngoweliso/ ngowendlebe/ ngowesikhumba/
ngowencasa/ngoweempumlo okanye ivumba. Ukuba ikhona indawo ethi ‘Xhasa impendulo
yakho’ SUKUZIXHASA ngokucacisa okwenzekayo, ZIXHASE ngokucacisa uhlobo olo lomfanekiso
ngqondweni. Yithi ngoweliso kuba imbongi indenza ndibengathi ndiyayibona. Sukuthi ngoweliso
kuba imbongi ibonakalisa wayequmbile.
5. Umfanekiso-ntekelelo – yingcaciso yoko kwenzekayo kumzwa/ okanye kwilungu lomzimba
wakho ngenxa yoko ukhonjwe kuko.
umqolo Umf.ngqondweni Umf. ntekelelo
Yatsho esikrakra isililo Ngowendlebe – imbongi Imbongi ibonakalisa
ibhonga indenza ndibengathi ukuncama nokunikezela
ndiyamva ekhala. kwale .....
6. Isakhiwo sangaphandle sombongo- qwalasela inani lezitanza kumbongo/ lemiqolo kwizitanza/
lamagama kwimiqolo.
7. Mfundisoni ...?/ myalezo mni...? le mpendulo iza nawe emva kokufunda umbongo wawuva,
zisenokuba ninzi iimfundiso kumbongo omnye.
8. Uphinda-phindo – lusetyenziswelwa ukugxininisa/ukubethelela umba othile / ukudala isingqisho

ICANDELO B & C

KHUMBULA UMYALELO WENDLELA YOKUKHETHA IMIBUZO KULA MACANDELO MABINI.

 Yiya ngqo kwiincwadi ozifundiswe esikolweni sakho hayi kwiincwadi ozifundele zona okanye
owawukhe wazibaliselwa.
 Qala ngokufunda imibuzo emide yomibini (owecandelo B nowecandelo C). Khetha lo ulula kuwe
uthathe isigqibo sokuba uza kuphendula wona.
 Kule ncwadi/ ungekakhethi kuyo, unyanzelekile ukuba uthathe lo unemibuzo emifutshane.
Phendula yonke imibuzwana yalo mbuzo.

6
UPHENDULWA NJANI UMBUZO OSISINCOKO/ OMDE?

1. Fundisisa umbuzo uphawule amagama angundoqo embuzweni ukuze nempendulo yakho


ilandele ezo ndawana uza kuziphawula. Umzekelo: Bonisa ukuba isimo sentlalo sidlale yiphi
indima ukuphuhlisa umxholo wale ncwadi.
Kwintshayelo uchaza isimo sentlalo nendima yaso ebalini.
Kwisiqu - Apha ubeka uphawu lwesimo sentlalo ulucacise, ubonise/ucacise indima edlalwe lolu
phawu ukuphuhlisa umxholo. Ziintoni ezenzekileyo ngenxa yobukho kolu phawu nezincedise
ekubeni ibali likwazi ukuya phambili.
Isiphelo ungabethelela ukubaluleka kwaso nokuba ibali lithi ukuze libe libali elipheleleyo
nelinika umdla lifuthelwe sisimo sentlalo.
2. Nantsi eminye imizekelo yemibuzo:
 Isihloko esithi ‘Inkawu idliw’ilila / Indlal’inamanyala / Buzani kubawo, sinxulumana njani
nomxholo wale noveli/ idrama?
 Tyhila indlela alilandele ngayo umlinganiswa u..... igama lakhe ukuphuhlisa umxholo
wale ncwadi.
 Impixano .............................. umxholo webali.
 Amanqanaba esakhiwo sebali ............... umxholo webali
3. Bhala kangangamaphepha amabini.

QAPHELA LE MIBUZO KWIMIBUZO EMIFUTSHANE

 Kukho imibuzo efuna iimpendulo ezithathwa kwizicatshulwa okanye kwincwadi, umzekelo, xela
indawo abakuyo.../ ngubani lo uthe.../ sizathu sini esibangela.../siganeko sini esi.../ neminye.
 Kukho imibuzo efuna uluvo lwakho efana nale; phawula nge.../ luthini uluvo lwakho malunga
ne.../ungantoni umongo..../ mfundisoni/myalezo mni odluliswa .../ ze uxhase impendulo yakho.
 Kukho imibuzo efuna izixhobo zohlalutyo efana nale:
 Cacisa isimo sentlalo awayekuso... ngethuba e.. – fundisisa le ndawo ukhonjwe kuyo,
khumbula iimpawu zesimo sentlalo, - dibanisa ulwazi lweempawu zesimo sentlalo nale
ndawo kuthiwa funda kuyo. Bhala impendulo epheleleyo. (wayesezilalini kowabo kuba
bahleli intlanganiso yamakhaya ngasebuhlanti).
 Sikweliphi inqanaba lesakhiwo sebali... – Xela igama lenqanaba (kulawa mahlanu)
wakugqiba uzixhase ngeempawu zenqanaba elo. Umzekelo: likwinqanaba lengabula-
zigcawu kuba saziswa ngabalinganiswa neemeko zabo/ saziswa ngendawo eliqhubeka
kuyo ibali/ izithole zempixano zityalwa apha. Ayamkelekanga impendulo ethi; linqanaba
1/lokuqala / eliphezulu.
 U... uloluphi udidi lomlinganiswa kule ncwadi? Xela udidi uzixhase ngeempawu zodidi
olo. – Ngumlinganiswa oyintloko kuba ibali lijikeleze yena/ nezinye.
 Didi luni lozobo olusetyenziswe ngumbhali...? Xela udidi lozobo uzixhase ngeempawu
zalo. Luzobo-ngqo kuba umbhali usixelele ngokwakhe isimo somlinganiswa.

Amanqaku weli phepha afumaneka ngokubonakalisa ulwazi lwencwadi nokuphendula imibuzo


ngokupheleleyo.

7
MALUNGA NEPHEPHA LESITHATHU

 Dibanisa olu lwazi kunye nolwazi ubulunikwe ekuqaleni konyaka malunga nokubhalwa
kwezincoko.

Kwicandelo A unikwa izihloko ngezihloko kuquka nozenzela zona ujonge umfanekiso owukhethileyo.
Uyazikhethela ukuba ubhale oluphi uhlobo/ udidi lwesincoko kwisihloko ozikhethele sona. Sukuchitha
ixesha- bhala olu hlobo lwesincoko ulaziyo.

 Bethelela ifomathi/ isakhiwo sesona sincoko ukwaziyo ukusibhala.


 Wakugqiba ukubhala isihloko sesincoko, xela udidi lwesincoko osibhalayo, umzekelo , Isincoko
esibalisayo / esichazayo / esixoxayo. Qiniseka ukuba kubhalo lwakho ulandele ifomathi yeso
uthe uza kubhala sona.
 Hlala emxholweni wesihloko eso uzikhethele sona.
 Kubhalo lwakho qiniseka ukuba uyasilandela isicwangcwiso sakho.
 Iphepha lokuqala liphepha lokucwangcisa, kunyanzelekile isincoko uqale ukusibhala kwiphepha
elilandelayo. (Azidityaniswa isincoko nesicwangciso kwiphepha elinye)

Icandelo B lelemihlathi, apho ukhetha ibe mibini kuphela.

 Yenza isicwangciso somhlathi ngamnye.


 Bethelela iifomathi zemihlathi

NIBHALE KAKUHLE NONKE BETHU!!!

ABACEBISI, IKOMITI YESITHILI NOOTITSHALA BESIXHOSA BANINQWENELELA IMPUMELELO

8
9

You might also like